Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 3:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Ndimxélele ukuba ndiyayigweba indlu yakhe kude kuse ephakadeni, ngenxa yobugwenxa abaziyo; ngokuba báziqalekisa oonyana bakhe, akabangxolisa.

14. Ngoko ndiyifungele indlu kaEli, ndathi, Inene ubugwenxa bendlu kaEli abuyi kucanyagushelwa ngambingelelo, nangamnikelo wakudla, naphakade.

15. Walala uSamuweli kwada kwasa, wazivula ke iingcango zendlu kaYehova. USamuweli woyika ukumxelela uEli umbono lowo.

16. UEli wambiza uSamuweli, wathi, Samuweli, nyana wam.

17. Wathi yena, Ndilapha. Wathi, Liyintoni na ilizwi elo alithethileyo kuwe? Musa ukukha undifihlele. Makenjenje uThixo kuwe, aqokele ukwenjenje, ukuba ùthe wandifihlela lizwi, emazwini onke awathethileyo kuwe.

18. USamuweli wamxelela amazwi onke, akamfihlela nto. Wathi ke yena, NguYehova; makenze oko kulungileyo emehlweni akhe.

19. Wakhula uSamuweli; uYehova waba naye, akwawa phantsi nalinye ilizwi emazwini akhe onke emhlabeni.

20. Onke amaSirayeli, ethabathele kwaDan esa eBher-shebha, azi ukuba uSamuweli ngumprofeti othembekileyo kaYehova.

21. Waqokela uYehova wabonakala eShilo; ngokuba uYehova wazityhila kuSamuweli eShilo ngelizwi likaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 3