Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 28:6-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Wabuza uSawule kuYehova; uYehova akamphendula nangamaphupha, nangeeUrim,* nangabaprofeti.

7. Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Ndifuneleni inkazana eneshologu, ndiye kuyo, ndibuze kuyo. Bathi kuye abakhonzi bakhe, Nantsiya inkazana eneshologu e-Endore.

8. USawule wazenza mntu wumbi, wambatha ngubo zimbi, waya enamadoda amabini. Baya bafika kwinkazana leyo ebusuku. Wathi, Khawundivumisele ngeshologu lakho, undinyusele lowo ndiya kuthetha yena kuwe.

9. Yathi inkazana leyo kuye, Yabona ùyakwazi nawe akwenzileyo uSawule, ukuba ubanqamle ezweni abaneshologu noosiyazi; yini na ukuba uwuthiyele umphefumlo wam, ukuze ndibulawe.

10. USawule wayifungela uYehova, esithi, Ehleli nje uYehova, inene, akuyi kuba natyala ngale ndawo.

11. Yathi inkazana, Ndíkunyusele bani na? Wathi, Ndinyusele uSamuweli.

12. Yambona inkazana uSamuweli, yakhala ngezwi elikhulu. Yatsho inkazana leyo kuSawule, ukuthi, Yini na ukuba undikhohlise? ÚnguSawule wena.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 28