Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 28:19-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Úwanikele uYehova namaSirayeli kunye nawe esandleni samaFilisti. Ngomso wena noonyana bakho niya kuba nam; nomkhosi wamaSirayeli uYehova uya kuwunikela esandleni samaFilisti.

20. Wawa kwaoko uSawule emhlabeni, waqungquluza, woyika kunene ngamazwi kaSamuweli; akwabakho namandla kuye; ngokuba ubengadlanga kudla imini yonke nobusuku bonke.

21. Yeza inkazana leyo kuSawule, yabona ukuba ukhwankqe kunene. Yathi kuye, Yabona, umkhonzazana wakho uliphulaphule izwi lakho, ndawenza isichenge umphefumlo wam, ndaweva amazwi akho owathetháyo kum.

22. Khawuliphulaphule nawe ngoko izwi lomkhonzazana wakho; makhe ndibeke iqhekeza lesonka phambi kwakho, udle, ube namandla xa uhamba indlela.

23. Akavuma ke; wathi, Andiyi kudla. Bamzama abakhonzi bakhe kwanenkazana leyo. Waliphulaphula izwi labo, wavuka ke emhlabeni, wahlala elukhukweni.

24. Ke kaloku inkazana leyo yayinethole elityetyisiweyo endlwini; yangxama, yalixhela; yathabatha umgubo ocoliweyo, yawuxovula, yosa izonka ezingenagwele ngawo.

25. Yabeka phambi koSawule naphambi kwabakhonzi bakhe. Badla, besuka ke, bahamba ngobo busuku.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 28