Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 27:3-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. UDavide wahlala noAkishe eGati, yena namadoda akhe, yayileyo yanendlu yayo; uDavide enabafazi bakhe bobabini, uAhinowam waseYizereli, noAbhigali waseKarmele, umkaNabhali.

4. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide ubalekele eGati, akaba saphinda amfune.

5. Wathi uDavide kuAkishe, Ukuba ke ngoku ùndibabale, ndínike indawo komnye umzi wasezweni, ndihlale khona; yini na ukuba umkhonzi wakho ahlale ndawonye nawe emzini wakomkhulu?

6. UAkishe wamnika ngaloo mini iTsikelage. Ngako oko iTsikelage yaba yeyokumkani wakwaYuda unanamhla.

7. Inani lemihla, awahlala ngayo uDavide ezweni lamaFilisti, laba ngumnyaka oneenyanga eziné.

8. Ke kaloku wenyuka uDavide namadoda akhe, bawangenela amaGeshure, namaGezere, nama-Amaleki; ngokuba abo bebengabemi belizwe elo, bekuhanjwa kulo ukuyiwa eShure, kuyiwe nasezweni laseYiputa, kususela kwakudala.

9. UDavide walitshabalalisa elo zwe; akasindisa ndoda namfazi. Wathabatha impahla emfutshane, neenkomo, namaesile, neenkamela, neengubo, wabuya weza kuAkishe.

10. Wathi uAkishe, Khe nahlasela phi na namhlanje? Wathi uDavide, Sibe singenele elasezantsi lakwaYuda, nelasezantsi lamaYerameli, nelasezantsi lamaKeni.

11. UDavide akasindisanga ndoda namfazi, ungamsayo eGati, ngokuthi, Hleze basixele, bathi, Wenjenje uDavide. Lalinjalo ke isiko lakhe yonke imihla abehleli ezweni lamaFilisti.

12. UAkishe wakholwa nguDavide, wathi, Úgqibile ukuzinukisa ebantwini bakowabo kwaSirayeli; wóba ngumkhonzi wam ke ngonaphakade.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 27