Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 25:39-44 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. Weva uDavide ukuba uNabhali ufile, wathi, Makabongwe uYehova okuthetheleleyo ukungcikivwa kwam, wandikhulula esandleni sikaNabhali, wamnqanda umkhonzi wakhe ebubini, uYehova wabubuyisela ububi bukaNabhali entlokweni yakhe. Wathumela uDavide, wathetha kuAbhigali ukuba amzeke, abe ngumkakhe.

40. Baya abakhonzi bakaDavide kuAbhigali eKarmele, bathetha kuye, besithi, UDavide usithume kuwe ukuba akuzeke, ube ngumkakhe.

41. Wesuka, waqubuda ngobuso emhlabeni, wathi, Nanku umkhonzazana wakho wokuba likhobokazana lokuhlamba iinyawo zabakhonzi benkosi yam.

42. Wangxama ke uAbhigali, wesuka, wakhwela e-esileni, elandelwa sisihlanu somthinjana, wabalandela abathunywa bakaDavide, waba ngumkakhe.

43. UDavide wabezeke noAhinowam waseYizereli; baba ngabafazi bakhe bobabini nabo.

44. Ke uSawule wayethe uMikali, intombi yakhe, umkaDavide, wamnika uFaliti, unyana kaLayishe waseGalim.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 25