Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 25:12-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Ajika ke amadodana akwaDavide, ahamba ngendlela yawo, abuya eza amxelela ngokwaloo mazwi onke.

13. Wathi uDavide kumadoda akhe, Nxibani elowo ikrele lakhe. Banxiba ke elowo ikrele lakhe. Walinxiba noDavide ikrele lakhe. Kwenyuka uDavide, elandelwa ngamadoda akumakhulu amané; kwahlala amakhulu amabini nempahla.

14. Ke kaloku uAbhigali, umkaNabhali, waxelelwa yindodana ethile kumadodana akhe, isithi, Yabona, uDavide ususe abathunywa entlango, ukuba beze kusikelela inkosi yethu; yesuka yabadlakavula.

15. Kanti amadoda lawo ebelungile kunene kuthi; akasonanga, asilahlekelwanga nto ngemihla yonke esibe sihamba nawo, oko besisezindle;

16. aba ludonga kuthi nasebusuku nasemini, yonke imihla ebe sinawo, sisalusa impahla emfutshane.

17. Yazi ngoko, uyibone into oyenzayo; ngokuba kugqitywe kwelobubi ngakwinkosi yethu, nangakwindlu yayo yonke; ilitshijolo, akusenakuthethwa nayo.

18. Wakhawuleza ke uAbhigali, wathabatha amakhulu amabini ezonka, neentsuba zambini zewayini, neegusha zantlanu sezihlinziwe, neeseha* zantlanu zamakhweba, zalikhulu izicumba zeerasintyisi, zamakhulu mabini izicumba zamakhiwane, wazibeka emaesileni.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 25