Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 25:1-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wafa uSamuweli. Abuthelana onke amaSirayeli, ammbambazelela, amngcwabela endlwini yakhe eRama. Wesuka uDavide, wehla waya entlango yeParan.

2. Ke kaloku bekukho indoda eMahon, emsebenzi ubuseKarmele. Loo ndoda ke ibisisityebi kakhulu; yayineegusha ezingamawaka amathathu, neebhokhwe eziliwaka. Yayisekuchetyweni kweegusha zayo eKarmele.

3. Igama laloo ndoda lalinguNabhali, igama lomkayo linguAbhigali. Umfazi lowo wayenengqondo entle, eyinzwakazi; ke indoda leyo yayiyingcuka, zímbi iintlondi zayo, ingumKalebhi.

4. Weva uDavide entlango ukuba uNabhali ucheba iigusha zakhe.

5. UDavide wesusa ishumi lamadodana; wathi uDavide kumadodana lawo, Nyukani eKarmele niye kuNabhali, nibuze ukuphila kwakhe egameni lam;

6. nitsho ukuthi, Hlala kakuhle uphile wena, iphile nendlu yakho, kuphile konke onakho.

7. Ndivile kaloku ukuba unabachebi. Ke kaloku abalusi bakho babenathi; asibenzanga nto, abalahlekelwanga nto yonke imihla ababeseKarmele.

8. Buza kumadodana akho, okuxelela. Makababalwe nguwe la madodana akowethu, ngokuba sifike ngemini elungileyo. Khawubanike abakhonzi bakho, nonyana wakho uDavide, into esithe sayifumana isandla sakho.

9. Aya ke amadodana kaDavide, athetha kuNabhali ngokwaloo mazwi onke egameni likaDavide, ahlala phantsi.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 25