Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 24:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. USawule wawathabatha amadoda angamawaka amathathu ahleliweyo kumaSirayeli onke; waya kufuna uDavide namadoda akhe emaweni amagogo.

3. Wafika ezibayeni zempahla emfutshane, ngasendleleni, kukho umqolomba apho. Wangena uSawule, ukuba agubungele iinyawo zakhe. Ke uDavide namadoda akhe babehleli entla emqolombeni.

4. Athi amadoda kaDavide kuye, Nantsi imini, athe uYehova kuwe, Yabona, ndiya kulunikela utshaba lwakho esandleni sakho, wenze kulo njengoko kulungileyo emehlweni akho. Wesuka uDavide, wanqamla ngasese isondo lengubo yokwaleka abenayo uSawule.

5. Kwathi emveni koko, intliziyo kaDavide yakhathazeka ngenxa yokuba ebelinqamle isondo lengubo kaSawule.

6. Wathi kumadoda akhe, Makube lee kum, ngenxa kaYehova, ukuthi ndiyenze loo nto enkosini yam, umthanjiswa kaYehova, ndisise isandla sam kuye; ngokuba ungumthanjiswa kaYehova.

7. UDavide wawadubula ngamazwi amadoda akhe; akawavumela ukuba amwele uSawule. Wesuka uSawule emqolombeni, wahamba indlela yakhe.

8. Wesuka uDavide emveni koko, waphuma emqolombeni, wamemeza kuSawule, wathi, Nkosi yam, kumkani. Wabheka emva uSawule. Wathoba uDavide ngobuso emhlabeni, waqubuda.

9. Wathi uDavide kuSawule, Yini na ukuba uve amazwi abathe, Nanku uDavide efuna ukuba uhlelwe bububi?

10. Yabona, namhla abonile amehlo akho, ukuba uYehova ebekunikele esandleni sam namhla emqolombeni; kwathiwa mawubulawe. Laba nenceba kuwe iliso lam, ndathi, Andiyi kusa sandla enkosini yam; ngokuba ingumthanjiswa kaYehova.

11. Khangela ke, bawo, nali isondo lengubo yakho yokwaleka, lisesandleni sam; ngokuba, ndingakubulalanga nje ekulinqumleni isondo lengubo yakho yokwaleka, yazi, ubone ukuba esandleni sam akukho bubi nalukreqo. Andonanga kuwe, uwuzingela nje umphefumlo wam, ukuba uwuthabathe.

12. UYehova uya kugweba phakathi kwam nawe, andiphindezelele uYehova kuwe; ke isandla sam asiyi kukuphatha.

13. Njengoko litshoyo iqhalo lamanyange ukuthi, Okungendawo kuphuma kwabangendawo; ke isandla sam asiyi kufikelela kuwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 24