Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 24:14-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Úphumelene nabani na kodwa ukumkani wamaSirayeli? Úsukela bani na? Úsukela inja efileyo, úsukela intakumba embala.

15. UYehova makabe ngumgwebi, agwebe phakathi kwam nawe, abone, abambane ngobambano lwam, andigwebele, ndisinde esandleni sakho.

16. Kwathi, akugqiba uDavide ukuwathetha la mazwi kuSawule, wathi uSawule, Lilizwi lakho na elo, nyana wam Davide? USawule waliphakamisa izwi lakhe, walila.

17. Wathi kuDavide, Ilungisa nguwe kunam; ngokuba undenzé okulungileyo wena, ndakwenza okubi mna.

18. Wena uxelile namhla ukuba undenzé okulungileyo; kuba uYehova ebendinikele esandleni sakho, akwandibulala.

19. Xa umntu alufumanayo utshaba lwakhe, wólundulula ngendlela elungileyo yini na? UYehova makabuyekeze kuwe okulungileyo ngenxa yoko undenze ngako namhla.

20. Kaloku yabona, ndiyazi ukuba uya kuba ngukumkani okunene, bume esandleni sakho ubukumkani bakwaSirayeli.

21. Ndífungele uYehova ngoko, ukuba akuyi kuyinqamla imbewu yam emveni kwam, nokuba akuyi kulitshabalalisa igama lam endlwini kabawo.

22. UDavide wamfungela ke uSawule. Wemka uSawule, waya endlwini yakhe. Ke uDavide namadoda akhe benyuka baya emboniselweni.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 24