Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 23:6-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kwathi, ekubalekeni kuka-Abhiyatare, unyana ka-Ahimeleki, kuDavide eKehila, wehla ene-efodi* esandleni sakhe.

7. Kwaxelwa kuSawule, ukuba uDavide ufikile eKehila. Wathi uSawule, UThixo umlahlele esandleni sam; ngokuba uzivalele ngokungena emzini oneengcango nemivalo.

8. USawule wababizela ndawonye emfazweni bonke abantu, ukuba behle baye eKehila, bangqinge uDavide namadoda akhe.

9. Wazi uDavide ukuba uSawule umenzela ububi, wathi kuAbhiyatare umbingeleli, Zisa iefodi leyo.

10. Wathi uDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli, úvile ngenene umkhonzi wakho, ukuba uSawule ufuna ukuza eKehila, ukuba awonakalise lo mzi ngenxa yam.

11. Abemi beKehila bondinikela na esandleni sakhe? Wóhla na uSawule, njengoko avileyo umkhonzi wakho? Yehova, Thixo kaSirayeli, khawumxelele umkhonzi wakho. Wathi uYehova, Úya kuhla.

12. Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela.

13. Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.

14. Wahlala ke uDavide entlango ezimboniselweni, wahlala ezintabeni entlango yeZifi. USawule wamfuna imihla yonke; uThixo akamnikela esandleni sakhe.

15. Wabona uDavide ukuba uSawule uphume eza kufuna umphefumlo wakhe. UDavide ebesentlango yeZifi entshinyeleni yehlathi.

16. Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye,

17. Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.

18. Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 23