Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 23:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. nibone, nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba úkho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda.

24. Besuka ke baya eZifi phambi koSawule.UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala.

25. Wahamba uSawule namadoda akhe ukuya kumfuna. Bamxelela uDavide. Wehla ke waya engxondorheni, wahlala entlango yeMahon. Weva uSawule, wamsukela uDavide entlango yeMahon.

26. Wahamba uSawule ngeli cala lentaba; wahamba uDavide namadoda akhe ngelaa cala lentaba. UDavide wemka buphuthuphuthu, ngokoyika uSawule; ke uSawule namadoda akhe babemrhawula uDavide namadoda akhe, ukuba bababambe.

27. Ke kaloku kwafika umthunywa kuSawule, esithi, Khawuleza uze, ngokuba amaFilisti alingenele ilizwe.

28. Wabuya ke uSawule ekumsukeleni uDavide, waya kuwahlangabeza amaFilisti. Ngenxa yoko kwathiwa loo ndawo yiSelahamalekoti.*

29. Wenyuka apho uDavide, wahlala ezimboniselweni zase-Engedi.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 23