Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 23:12-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. Wathi uDavide, Abemi beKehila bondinikela na mna namadoda am esandleni sikaSawule? Wathi uYehova, Bokunikela.

13. Wesuka uDavide namadoda akhe, bekumakhulu amathandathu amadoda, baphuma eKehila, bahamba apho bangahamba khona. Waxelelwa uSawule ukuba uDavide usabile eKehila; wayeka, akaphuma.

14. Wahlala ke uDavide entlango ezimboniselweni, wahlala ezintabeni entlango yeZifi. USawule wamfuna imihla yonke; uThixo akamnikela esandleni sakhe.

15. Wabona uDavide ukuba uSawule uphume eza kufuna umphefumlo wakhe. UDavide ebesentlango yeZifi entshinyeleni yehlathi.

16. Wesuka uYonatan unyana kaSawule, waya kuDavide entshinyeleni yehlathi. Wasomeleza isandla sakhe kuThixo, wathi kuye,

17. Musa ukoyika, ngokuba isandla sikaSawule ubawo asiyi kukufumana. Wena uya kuba ngukumkani kumaSirayeli, mna ndibe nganeno kwakho; kananjalo uSawule ubawo uyakwazi kakuhle oku.

18. Benza umnqophiso bobabini phambi koYehova. UDavide wahlala entshinyeleni yehlathi apho, uYonatan waya endlwini yakhe.

19. Benyuka abaseZifi, baya kuSawule eGibheha, besithi, UDavide akazizimeze kuthi yini na ezimboniselweni, entshinyeleni yehlathi, endulini yeHakila esekunene kwenkangala?

20. Kaloku yihla, kumkani, ngokomnqweno wonke womphefumlo wakho ukuhla; kunathi ukumnikela esandleni sokumkani.

21. Wathi uSawule, Nisikelelwe nguYehova; ngokuba ninofefe kum.

22. Khaniye nigqale okunye, nazi, nibone indawo yakhe, apho unyawo lwakhe lukhona, nokuba ngubani na ombone khona; ngokuba kuthiwa kum, Asikuko nokuba unobuqhophololo;

23. nibone, nazi iindawo zonke zokuzimela, aya kuzimela kuzo, nibuyele kum niqiqile; ndohamba nani. Kothi, ukuba úkho kweli lizwe, ndimfune ndimfumane phakathi kwamawaka onke akwaYuda.

24. Besuka ke baya eZifi phambi koSawule.UDavide namadoda akhe wayesentlango yeMahon, eArabha, ngasekunene kwenkangala.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 23