Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 22:7-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wathi uSawule kubakhonzi bakhe ababemi ngakuye, Khanive, nyana bakaBhenjamin, unyana kaYese woninika amasimi nezidiliya nonke niphela yini na; anenze abathetheli-mawaka nabathetheli-makhulu nonke niphela yini na;

8. ukuba nje nonke niphela nindicebe, kungabikho namnye uyityhilelayo indlebe yam ukunqophisana konyana wam nonyana kaYese, kungabikho namnye kuni ubuhlungu ngenxa yam, ayityhilele indlebe yam ukuba unyana wam umvusile umkhonzi wam, ukuba andilalele, njengoko kunjalo namhla?

9. Waphendula uDowegi umEdom, obemiswe phezu kwabakhonzi bakaSawule, wathi, Ndimbonile unyana kaYese efika eNobhi, kuAhimeleki, unyana ka-Ahitubhi.

10. Waza yena wambuzela kuYehova, wamnika umphako, wamnika nekrele likaGoliyati umFilisti.

11. Wathumela ukumkani, wambiza uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi, umbingeleli, nendlu yonke kayise. Ababingeleli ababeseNobhi beza bonke kukumkani.

12. Wathi uSawule, Khawuve nyana ka-Ahitubhi. Wathi yena, Ndilapha, nkosi yam.

13. Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.

14. UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho?

15. Ndiyaqala yini na namhla ukumbuzela kuThixo? Makube lee oko kum; ukumkani makangamthwalisi lutho umkhonzi wakhe lo, nendlu yonke kabawo ngokuba umkhonzi wakho lo akazi lutho kuyo yonke le nto, nokuba loluncinane, nokuba lolukhulu.

16. Wathi ukumkani, Ùya kufa ufe, Ahimeleki, wena nendlu yonke kayihlo.

17. Wathi ukumkani kwizigidimi zakhe ezibe zimi ngakuye, Jikani, nibabulale ababingeleli bakaYehova; kuba nesabo isandla sinoDavide, nangokuba babesazi oko wabalekayo yena, àbayityhilela indlebe yam. Àbavuma abakhonzi bokumkani ukusa isandla sabo, baxabele kubabingeleli bakaYehova.

18. Wathi ukumkani kuDowegi, Jika wena, uxabele kubabingeleli. Wajika ke uDowegi umEdom, waxabela yena kubabingeleli, wabulala ngaloo mini amashumi asibhozo anamahlanu amadoda enxibe iefodi* yelinen emhlophe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 22