Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 22:11-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

11. Wathumela ukumkani, wambiza uAhimeleki unyana ka-Ahitubhi, umbingeleli, nendlu yonke kayise. Ababingeleli ababeseNobhi beza bonke kukumkani.

12. Wathi uSawule, Khawuve nyana ka-Ahitubhi. Wathi yena, Ndilapha, nkosi yam.

13. Wathi uSawule kuye, Yini na ukuba nindicebe, wena nonyana kaYese, umnike isonka nekrele, umbuzele kuThixo, ukuba asuke andilalele, njengoko kunjalo namhla.

14. UAhimeleki wamphendula ukumkani, wathi, Ngubani ke kubakhonzi bakho bonke othembeke njengoDavide, umyeni kukumkani, onokungena ephakathini lakho, ozukileyo endlwini yakho?

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 22