Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 21:7-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Ke kaloku kwaye kuvalelwe khona indoda yakubakhonzi bakaSawule ngaloo mini phambi koYehova, egama belinguDowegi umEdom, ingànga yabalusi bakaSawule.

8. Wathi uDavide kuAhimeleki, Akukho ntshuntshe nakrele na apha phantsi kwesandla sakho? Kuba ikrele lam kwaneentonga zam andiziphathanga; ngokuba umcimbi kakumkani ungxamisekile.

9. Wathi umbingeleli, Ikrele likaGoliyati umFilisti, owambulala entilini kaEla, nali lisongelwe engutyeni emva kwe-efodi.* Ukuba uyalithabatha, lithabathe; ngokuba akukho limbi. Wathi uDavide, Akukho linjengálo, ndinike lona.

10. Wesuka uDavide, wabaleka ngaloo mini ebusweni bukaSawule, waya kuAkishe ukumkani waseGati.

11. Bathi abakhonzi baka-Akishe kuye, Asinguye na lo uDavide, ukumkani welizwe? Asinguye na lo babevuma ngaye ekungqungqeni, besithi,USawule ubulele amawaka akhe,UDavide ubulele amawaka akhe angamashumi?

12. UDavide wawagcina loo mazwi entliziyweni yakhe, woyika kunene ebusweni buka-Akishe, ukumkani waseGati.

13. Waziphambanisa ingqondo phambi kwabo, wazigezisa esandleni sabo, wakrwela ezingcangweni zesango, wavuzisa uluchwe ezindevini zakhe.

14. Wathi uAkishe kubakhonzi bakhe, Khangelani, nantsi le ndoda isisihiba; yini na ukuba niyizise kum?

15. Ndiswele izihiba yini na ukuba nizise lo, abhudele phezu kwam? Wóngena yini na lo endlwini yam?

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 21