Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:38-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

38. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.

39. Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.

40. UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya.

41. Waya umfana lowo.Wesuka uDavide, evela ecaleni langasezantsi, wawa ngobuso emhlabeni, waqubuda izihlandlo zozithathu; bangana, balilelana, wada uDavide watsho kakhulu.

42. Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20