Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:35-41 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

35. Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane.

36. Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.

37. Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo.

38. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.

39. Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.

40. UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya.

41. Waya umfana lowo.Wesuka uDavide, evela ecaleni langasezantsi, wawa ngobuso emhlabeni, waqubuda izihlandlo zozithathu; bangana, balilelana, wada uDavide watsho kakhulu.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20