Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:32-42 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. UYonatan wamphendula uSawule uyise, wathi kuye, Yini na ukuba abulawe? úfa ngani na?

33. USawule wabinza ngentshuntshe ukuba atsho kuye. Wazi uYonatan, ukuba uyise ugqibe kwelokuba ambulale uDavide.

34. UYonatan wesuka ke etafileni evutha ngumsindo; akadla kudla ngomhla wesibini wenyanga; ngokuba ubebuhlungu ngoDavide, kuba uyise ubemhlazisile.

35. Kwathi ngengomso, waphuma uYonatan waya ezindle, ukuba ahlangane noDavide, enomfana omncinane.

36. Wathi kumfana, Khawubaleke, uzithabathe iintolo endizixunayo. Umfana wabaleka; ke yena wazixuna iintolo, ukuze zigqithe kuye.

37. Wafika umfana kuloo ndawo belukuyo utolo abeluxunile uYonatan. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Nalo ngaphaya kwakho utolo.

38. Wamemeza uYonatan kumfana, wathi, Khawuleza, ngxama, musa ukuma. Umfana wakwaYonatan waluchola utolo, waluzisa enkosini yakhe.

39. Umfana ubengazi nto. NguYonatan noDavide ababeyazi loo nto.

40. UYonatan wayinikela impahla yakhe umfana lo abenaye, wathi kuye, Hamba uyise ekhaya.

41. Waya umfana lowo.Wesuka uDavide, evela ecaleni langasezantsi, wawa ngobuso emhlabeni, waqubuda izihlandlo zozithathu; bangana, balilelana, wada uDavide watsho kakhulu.

42. Wathi uYonatan kuDavide, Hamba unoxolo; makume esikufungele igama likaYehova thina sobabini, sisithi, UYehova makabe phakathi kwam nawe, naphakathi kwembewu yam nembewu yakho, kude kuse ephakadeni. Wesuka ke wahamba. Ke uYonatan waya ekhaya.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20