Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. Wazímela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.

25. Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa indawo kaDavide.

26. Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; àkahlambulukile, inene, akahlambulukile.

27. Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?

28. UYonatan wamphendula uSawule, wathi, UDavide ucele kum, wandibongoza ukuba aye eBhetelehem;

29. wathi, Khawundiyeke ndiye; ngokuba kukho umbingelelo wemizalwane yakowethu ekhaya; ke yena umkhuluwa wam undiwisele umthetho; kaloku ukuba ùndibabale, makhe ndigidime, ndibone umkhuluwa wam. Kungenxa yoko angezanga etafileni yokumkani.

30. Wavutha ke umsindo kaSawule kuYonatan, wathi kuye, Nyana wegwenxakazi eligwilikileyo, andazi yini na ukuba unyana kaYese ùmnyulele ukuba abe lihlazo lakho, nehlazo lobuze bonyoko?

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20