Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:21-28 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Yabona, ndiya kumthuma umfana, ndithi, Yiya, uzithabathe iintolo. Ukuba ndithe kumfana, Nanzi iintolo, zinganeno kwakho, zithabathe: wòza wena; ngokuba koba kuluxolo kuwe, akukho nto, ehleli nje uYehova.

22. Ke ukuba ndithe kwindodana leyo, Nanzo iintolo zingaphaya kwakho: hamba, ngokuba uYehova woba ukundulule.

23. Ke ilizwi eliyá silithethileyo mna nawe, yabona, uYehova uphakathi kwam nawe kude kuse ephakadeni.

24. Wazímela ke uDavide ezindle. Yathwasa inyanga; wahlala ukumkani esidlweni ukuba adle.

25. Wahlala ukumkani esihlalweni sakhe njengezinye izihlandlo, esihlalweni saseludongeni. Wesuka wema uYonatan. Wahlala uAbhinere ecaleni likaSawule, yayodwa indawo kaDavide.

26. Akathetha nto uSawule ngaloo mini; ngokuba ebesithi, Uhlelwe yinto; àkahlambulukile, inene, akahlambulukile.

27. Kwathi ngengomso, iselithwasile nenyanga ngosuku lwesibini, ayaba namntu indawo kaDavide. Wathi uSawule kuYonatan, unyana wakhe, Yini na ukuba angezi kudla unyana kaYese nayizolo nanamhla?

28. UYonatan wamphendula uSawule, wathi, UDavide ucele kum, wandibongoza ukuba aye eBhetelehem;

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20