Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 2:28-36 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

28. Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli?

29. Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?

30. Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe.

31. Yabona, imihla iyeza, endiya kuyinqumla ingalo yakho, nengalo yendlu kayihlo, kungabikho ngwevu endlwini kayihlo;

32. ukubone ukubandezelwa kwekhaya lam ezintweni zonke uThixo aya kuwenzela okulungileyo ngazo amaSirayeli; kungabikho ngwevu endlwini yakho imihla yonke.

33. Ke andiyi kunqumla mntu wonke wakwakho esibingelelweni sam, ukuze amehlo akho aphele, nomphefumlo wakho uthè; kufè kungamadoda konke ukwanda kwendlu yakho.

34. Nguwo lo umqondiso kuwe, oya kubafikela oonyana bakho bobabini, uHofeni noPinehasi: baya kufa bobabini ngamhla mnye.

35. Ndiya kuzivelisela umbingeleli othembekileyo, oya kwenza njengoko kusentliziyweni yam, nasemphefumlweni wam; ndimakhele indlu eqinileyo, ahambe phambi komthanjiswa wam yonke imihla.

36. Kothi, lowo useleyo endlwini yakho, eze azigobe kuye ngenxa yeqhosha lesilivere nesuntswana lesonka, athi, Khawundifake komnye umsebenzi wobubingeleli, ukuze ndidle iqhekeza lesonka.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 2