Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 2:18-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Waye uSamuweli elungiselela phambi koYehova, eyinkwenkwe ebhinqe iefodi* yelinen emhlophe.

19. Unina ubemenzela ingubo yokwaleka, anyuke nayo, ayise kuye iminyaka ngeminyaka ekunyukeni kwakhe nendoda yakhe, ukuza kubingelela umbingelelo womnyaka.

20. UEli wamsikelela uElikana nomkakhe, wathi, UYehova makakunike imbewu ngalo mfazi esikhundleni soceliweyo, owacelwa kuYehova. Bahamba bagoduka.

21. UYehova wamvelela uHana; wamitha, wazala oonyana abathathu, neentombi ezimbini. Yakhula inkwenkwe enguSamuweli ikuYehova.

22. Ke kaloku uEli ubeselemdala kakhulu; wayiva yonke into ababeyenza oonyana bakhe kumaSirayeli onke, kwanokuba babelala nabafazi ababekhonza emnyango wentente yokuhlangana.

23. Wathi kubo, Yini na ukuba nenze izinto ezinjengezi? Kuba izenzo zenu ezibi ndiziva ngaba bantu bonke.

24. Hayi, nyana bam; ngokuba asiludaba luhle olu ndiluvayo mna; nibanga ukuba abantu bakaYehova bagqithise.

25. Ukuba umntu uthe wona umntu, uThixo uyamlamlela; ke ukuba umntu uthe wona kuYehova, ngubani na oya kumlamlela? Àbaliphulaphula izwi likayise; kuba uYehova ubefuna ukubabulala.

26. Ke inkwenkwe, uSamuweli, yaya ikhula ngokukhula, ithandeka kuYehova nakubantu.

27. Kweza umntu kaThixo kuEli, wathi kuye, Utsho uYehova ukuthi, Kanene ndazityhila na kwindlu kayihlo, beseYiputa endlwini kaFaro?

28. Ndamnyula na ezizweni zonke zakwaSirayeli, ukuba abe ngumbingeleli kum, anyuke esibingelelweni sam, aqhumisele ngeziqhumiso, anxibe iefodi phambi kwam? Ndayinika yonke indlu kayihlo konke ukudla kwasemlilweni koonyana bakaSirayeli?

29. Yini na ke ukuba niwunyathelele phantsi umbingelelo wam nomnikelo wam wokudla, endiwise umthetho ngawo ekhayeni lam, usuke ubazukise oonyana bakho ngaphezu kwam, ukuze nizityebise ngelona nqatha leminikelo yonke yamaSirayeli, abantu bam?

30. Ngoko utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndatsho okunene ukuthi, Indlu yakho nendlu kayihlo yohamba phambi kwam kude kuse ephakadeni; kungoku utsho uYehova ukuthi, Oko makube lee kum; ngokuba ondizukisayo ndiya kumzukisa, abandidelayo bacukucezwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 2