Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 19:13-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. UMikali wayithabatha imilonde-khaya, wayilalisa elukhukweni, wabeka nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo, wayigubungela ngengubo.

14. USawule wasusa abathunywa ukuba bamthabathe uDavide. Wathi yena, Úyafa.

15. USawule wasusa abathunywa ukuba baye kumkhangela uDavide, esithi, Nyukani, nize naye kum ngokhuko, ndimbulale.

16. Bangena abathunywa, O! yimilonde-khaya le iselukhukweni, nomluko woboya beebhokhwe entlokweni yayo.

17. Wathi uSawule kuMikali, Yini na ukuba wenjenje ukundikhohlisa, ulundulule uthsaba lwam lusinde. Wathi uMikali kuSawule, Wathi yena kum, Ndiyeke ndimke, yini na ukuba ndikubulale?

18. Ebalekile uDavide, wasinda, waya kuSamuweli eRama, wamxelela konke abekwenzile uSawule kuye. Wahamba yena noSamuweli, bahlala eNayoti.

19. Waxelelwa uSawule, kusithiwa, Nanko uDavide eNayoti ngaseRama.

20. USawule wasusa abathunywa bokumbamba uDavide. Babona ibandla labaprofeti beprofeta, noSamuweli emi engumongameli wabo. UMoya kaThixo wabafikela abathunywa bakaSawule, baprofeta kananjalo nabo.

21. Waxelelwa uSawule, wasusa abanye abathunywa, baprofeta kananjalo nabo. Waphinda uSawule wasusa abathunywa bengabesithathu, baprofeta kananjalo nabo.

22. Waya naye eRama, wafika kwiqula elikhulu eliseSeku, wabuza, wathi, Baphi na ooSamuweli noDavide? Kwathiwa, Nabaya eNayoti ngaseRama.

23. Waya khona eNayoti ngaseRama, uMoya kaThixo wamfikela naye; wahamba ehamba eprofeta, wada wafika eNayoti ngaseRama.

24. Wazihluba naye iingubo zakhe, waprofeta naye phambi koSamuweli, wawa phantsi ezé yonke loo mini, nobo busuku bonke. Ngenxa yoko kwathiwa, Ukúbaprofet noSawule na?

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 19