Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 18:15-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;

16. ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.

17. Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.

18. Wathi uDavide kuSawule, Ndingubani na, ayintoni na amakowethu, iyini imizalwane kabawo kwaSirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?

19. Kwathi ngexesha lokuba uMerabhi, intombi kaSawule, anikwe uDavide, wasuka wanikwa uAdriyeli waseMehola, ukuba abe ngumkakhe.

20. UMikali, intombi kaSawule, yamthanda uDavide. Waxelelwa uSawule, yalunga loo nto emehlweni akhe.

21. Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe kuye isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Ùya kuba ngumyeni kum namhla ngandlela mbini.

22. USawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani ngasese kuDavide, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, bonke abakhonzi bakhe bayakuthanda; ke ngoko yiba ngumyeni kukumkani.

23. Bawathetha abakhonzi bakaSawule loo mazwi ezindlebeni zikaDavide. Wathi uDavide, Yinto elula na emehlweni enu ukuba ngumyeni kukumkani, ndiyindoda elihlwempu nje, ndilula nje?

24. Abakhonzi bakaSawule bamxelela, besithi, UDavide uthethe wenjenje.

25. Wathi uSawule, Yitshoni kuDavide ukuthi, Ukumkani akananze khazi; lingába líkhulu leenyama zokwalùswa zamaFilisti, ukuba aziphindezelele ezintshabeni zokumkani. Ke uSawule ubecinga ukumwisa uDavide ngesandla samaFilisti.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 18