Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 18:12-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. USawule wamoyika uDavide, ngokuba uYehova ebenaye, emkile kuSawule.

13. USawule wamsusa kuye, wammisa wangumthetheli wakhe wewaka; waphuma engena phambi kwabantu.

14. UDavide wenza ngengqiqo ezindleleni zakhe zonke, uYehova waye enaye.

15. Wabona uSawule ukuba unengqiqo enkulu, wanxunguphala bubuso bakhe;

16. ke onke amaSirayeli namaYuda ebemthanda uDavide, ngokuba ebephuma engena phambi kwawo.

17. Wathi uSawule kuDavide, Nantso intombi yam enkulu, uMerabhi; ndiya kunika ibe ngumkakho; kodwa yiba ngumfo onobukroti kum, ulwe iimfazwe zikaYehova. USawule ebesithi, Makungafiki esam isandla kuye, makufike esamaFilisti isandla kuye.

18. Wathi uDavide kuSawule, Ndingubani na, ayintoni na amakowethu, iyini imizalwane kabawo kwaSirayeli, ukuba ndibe ngumyeni kukumkani?

19. Kwathi ngexesha lokuba uMerabhi, intombi kaSawule, anikwe uDavide, wasuka wanikwa uAdriyeli waseMehola, ukuba abe ngumkakhe.

20. UMikali, intombi kaSawule, yamthanda uDavide. Waxelelwa uSawule, yalunga loo nto emehlweni akhe.

21. Wathi uSawule, Ndiya kumnika yona ibe ngumgibe kuye, sibe kuye isandla samaFilisti. Wathi uSawule kuDavide, Ùya kuba ngumyeni kum namhla ngandlela mbini.

22. USawule wabawisela abakhonzi bakhe umthetho, wathi, Thethani ngasese kuDavide, nithi, Yabona, ukumkani ukunanzile, bonke abakhonzi bakhe bayakuthanda; ke ngoko yiba ngumyeni kukumkani.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 18