Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 16:5-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi, Ndixolile; ndizé kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.

6. Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.

7. Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.

8. UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

9. UYese wagqithisa uShama. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

10. UYese wagqithisa ke oonyana bakhe abasixhenxe phambi koSamuweli. Wathi uSamuweli kuYese, Aba uYehova akabanyulanga.

11. Wathi uSamuweli kuYese, Awonke na amakhwenkwe akho? Wathi, Kusasele encinane; nantso isalusa impahla emfutshane. Wathi uSamuweli kuYese, Thumela iye kubizwa; ngokuba asiyi kuhlala esidlweni, ide ifike apha.

12. Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye lo.

13. USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.

14. Ke uMoya kaYehova wemka kuSawule; wadandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuYehova.

15. Bathi abakhonzi bakaSawule kuye, Yabona, udandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuThixo.

16. Inkosi yethu mayithethe, abakhonzi bakho abaphambi kwakho baye kufuna indoda ekwaziyo ukubetha uhadi; kuthi, wakuba phezu kwakho umoya ombi ophuma kuThixo, ilubethe ngesandla sayo, kulunge kuwe.

17. Wathi uSawule kubakhonzi bakhe, Khanindikhangelele indoda ebetha kamnandi, niyizise kum.

18. Waphendula omnye umfana wathi, Yabona, ndibone unyana kaYese waseBhetelehem okwaziyo ukubetha; ligorha elinobukroti, indoda yokulwa, iciko lokuthetha, umfo omhle; uYehova unaye.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 16