Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 16:4-15 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Wakwenza uSamuweli akuthethileyo, waya eBhetelehem. Othuka ke amadoda amakhulu omzi, eza kumkhawulela, athi, Ùza uxolile na?

5. Wathi, Ndixolile; ndizé kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.

6. Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.

7. Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.

8. UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

9. UYese wagqithisa uShama. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

10. UYese wagqithisa ke oonyana bakhe abasixhenxe phambi koSamuweli. Wathi uSamuweli kuYese, Aba uYehova akabanyulanga.

11. Wathi uSamuweli kuYese, Awonke na amakhwenkwe akho? Wathi, Kusasele encinane; nantso isalusa impahla emfutshane. Wathi uSamuweli kuYese, Thumela iye kubizwa; ngokuba asiyi kuhlala esidlweni, ide ifike apha.

12. Wathumela wayizisa. Yaye ingqombo, emahle amehlo ayo, intle nembonakalo yayo. Wathi uYehova, Suka ume, umthambise; ngokuba nguye lo.

13. USamuweli wathabatha isigodlo seoli, wamthambisa esesazulwini sabakhuluwa bakhe. UMoya kaYehova wamfikela ngamandla uDavide, ukususela kuloo mini. Wesuka ke uSamuweli, waya eRama.

14. Ke uMoya kaYehova wemka kuSawule; wadandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuYehova.

15. Bathi abakhonzi bakaSawule kuye, Yabona, udandathekiswa ngumoya ombi ophuma kuThixo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 16