Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 16:3-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Ummemele embingelelweni uYese; ndokwazisa mna into owoyenza, undithambisele endiya kuthetha kuwe ngaye.

4. Wakwenza uSamuweli akuthethileyo, waya eBhetelehem. Othuka ke amadoda amakhulu omzi, eza kumkhawulela, athi, Ùza uxolile na?

5. Wathi, Ndixolile; ndizé kubingelela kuYehova; zingcwaliseni, nize nam embingelelweni. Wamngcwalisa uYese noonyana bakhe, wabamemela embingelelweni.

6. Kwathi, ekuzeni kwabo, wabona uEliyabhi, wathi, Inene, uphambi koYehova umthanjiswa wakhe.

7. Wathi uYehova kuSamuweli, Musa ukukhangela imbonakalo yakhe, nokuphakama kwesithomo sakhe, ngokuba ndimcekisile. Andikhangeli njengokukhangela komntu; ngokuba umntu ukhangela umphandle, uYehova ukhangela intliziyo.

8. UYese wabiza uAbhinadabhi, wamgqithisa phambi koSamuweli. Wathi, Naló uYehova akamnyulanga.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 16