Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 15:5-9 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. USawule wafika kumzi wama-Amaleki walalela esihlanjeni.

6. Wathi uSawule kumaKeni, Hambani nihle, nimke kuma-Amaleki, hleze ndiniquke nawo; nina nabenzela inceba bonke oonyana bakaSirayeli ekunyukeni kwabo eYiputa. Emka ke amaKeni kuma-Amaleki.

7. USawule wawaxabela ama-Amaleki, wathabathela eHavila wada waya eShure, ekhangelene neYiputa.

8. Wambamba uAgagi ukumkani wama-Amaleki ehleli, wabasingela phantsi bonke abantu ngohlangothi lwekrele.

9. USawule nabantu bamsindisa uAgagi, neyona ilungileyo impahla emfutshane, neenkomo, neyalekelwayo, neemvana, izinto zonke ezilungileyo àbavuma ukuzisingela phantsi zona; ke yonke impahla edelekileyo, egxugxileyo, bayisingela phantsi.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 15