Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 15:21-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali.

22. Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.

23. Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.

24. Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.

25. Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova.

26. Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.

27. Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.

28. Wathi uSamuweli kuye, UYehova ukukrazule kuwe namhla ubukumkani bakwaSirayeli, wabunika ummelwane wakho olungileyo kunawe.

29. Kananjalo uQele-likaSirayeli akaxoki, akazohlwayi; ngokuba akangumntu ukuba azohlwaye.

30. Wathi yena, Ndonile; wòsewundizukisa phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu, naphambi kwamaSirayeli, ubuye nam, ndimnqule uYehova, uThixo wakho.

31. Wabuya ke uSamuweli, walandela uSawule; uSawule wamnqula uYehova.

32. Wathi uSamuweli, Mziseni apha kum uAgagi, ukumkani wama-Amaleki. Waya uAgagi kuye echwayithile. Wathi uAgagi, Inene, bugqithile ubukrakra bokufa.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 15