Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 15:14-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Wathi uSamuweli, Liyintoni na eli lizwi lempahla emfutshane lisezindlebeni zam, noku kukhonya kweenkomo ndikuvayo?

15. Wathi uSawule, Zezi bavela nazo kuma-Amaleki; ngokuba abantu bayisindisile eyona ilungileyo impahla emfutshane neenkomo, ukuze babingelele kuYehova uThixo wakho; ezinye sazisingela phantsi.

16. Wathi uSamuweli kuSawule, Yeka, ndikuxelele akuthethileyo uYehova kum ngobu busuku. Wathi kuye, Thetha.

17. Wathi uSamuweli, Akubanga yintloko yezizwe zakwaSirayeli yini na, uzeyile wena? Wakuthambisa uYehova ukuba ngukumkani kumaSirayeli.

18. UYehova wakuthuma ngendlela, wathi, Hamba uye kutshabalalisa aboni abo ama-Amaleki; ulwe nawo ude uwagqibe.

19. Yini na ke ukuba ungaliphulaphuli ilizwi likaYehova, usuke uziphose emaxhobeni, wenze okubi emehlweni kaYehova?

20. Wathi uSawule kuSamuweli, Hayi, ndiliphulaphule ilizwi likaYehova, ndahamba ngendlela abendithume ngayo uYehova, ndamzisa uAgagi ukumkani wama-Amaleki, ndawatshabalalisa ama-Amaleki.

21. Besuka abantu bathabatha emaxhobeni: impahla emfutshane, neenkomo, neyona inentlahla kwizinto ezisingelwe phantsi, ukuze babingelele kuYehova, uThixo wakho, eGiligali.

22. Wathi uSamuweli, UYehova unonelele amadini anyukayo nemibingelelo, ngangokuba enonelele ukuphulaphulwa kwezwi likaYehova, yini na? Yabona, ukuphulaphula kulungile ngaphezu kombingelelo, nokubaza iindlebe kulungile ngaphezu kwamanqatha eenkunzi zeegusha.

23. Ngokuba ukuba neenkani kusisono esinjengokuvumisa, ubungqola bunjengenkonzo yezithixo nemilondekhaya. Ngenxa yokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye ukucekisile ukuba ungabi kumkani.

24. Wathi uSawule kuSamuweli, Ndonile; ngokuba ndigqithile emthethweni kaYehova naselizwini lakho; kuba bendisoyika abantu, ndaphulaphula izwi labo.

25. Khawusixolele ngoko isono sam; buya nam, ndiye ndimnqule uYehova.

26. Wathi uSamuweli kuSawule, Andiyi kubuya nawe; ngokuba ulicekisile ilizwi likaYehova, naye uYehova ukucekisile, ukuba ungabi kumkani kumaSirayeli.

27. Wathi akuthi guququ uSamuweli ukuba emke, wabamba isondo lengubo yakhe yokwaleka, lakrazuka.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 15