Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 14:42-52 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

42. Wathi uSawule, Yenzani amaqashiso kum noYonatan unyana wam. Kwathatyathwa ke uYonatan.

43. Wathi uSawule kuYonatan, Ndíxelele, yintoni na le nto uyenzileyo? UYonatan wamxelela, wathi, Ndisuke ndeva intwana yobusi ngencam yentonga ebisesandleni sam; nanku ndiya kufa.

44. Wathi uSawule, UThixo makenjenje kum, aqokele ukwenjenje; inene, ukufa ùya kufa, Yonatan.

45. Bathi abantu kuSawule, Afe na uYonatan, owenze olu lusindiso lukhulu kwaSirayeli? Makube lee oko! Ehleli nje uYehova, akusayi kuwa nonwele lwentloko yakhe emhlabeni; ngokuba usebenzisene noThixo namhla. Bamkhulula ke abantu uYonatan, akafa.

46. Wenyuka uSawule ekuwalandeleni amaFilisti; athi amaFilisti aya kuloo ndawo yawo.

47. Wabuthabatha ke uSawule ubukumkani bakwaSirayeli; walwa ngeenxa zonke neentshaba zakhe zonke, amaMowabhi, noonyana baka-Amon, namaEdom nookumkani baseTsobha, namaFilisti; wathi, ezindaweni zonke abheka kuzo, wawatyela.

48. Wavelisa amandla, wawaxabela ama-Amaleki, wawahlangula amaSirayeli esandleni sâbo babewaphanga.

49. Ke kaloku oonyana bakaSawule bebengooYonatan, noIshevi, noMalekishuwa. Ke amagama eentombi zakhe zombini ngawo la: igama leyamazibulo nguMerabhi, igama lenci nguMikali.

50. Igama lomkaSawule belinguAhinowam, intombi ka-Ahimahatse. Igama lomthetheli womkhosi wakhe belinguAbinere, unyana kaNere, uyisekazi kaSawule.

51. Uyise kaSawule ubenguKishe; uNere, uyise ka-Abhinere, wayengunyana ka-Abhiyeli.

52. Kwaye kunzima ukulwa namaFilisti yonke imihla kaSawule; ngoko uSawule ubesithi akubona indoda eligorha nokuba yiyiphi, nendoda enobukroti nokuba yiyiphi, ayithabathele kuye.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 14