Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 13:6-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Abona amadoda akwaSirayeli ukuba abandezelekile (kuba abantu bebefingiwe), abantu bazímela emiqolombeni, nasezimfanteni, nasezingxondorheni, nasemiweweni, nasemihadini.

7. Ke kaloku kwawela amaHebhere eYordan, aya ezweni lakwaGadi nelaseGiliyadi. Ke yena uSawule ebeseseGiligali; abantu bonke bamlandela begubha.

8. Walinda iintsuku zasixhenxe, ngokwexesha elibe limisiwe nguSamuweli, àkafika uSamuweli eGiligali; bamphalala abantu bemka kuye.

9. Wathi uSawule, Zisani kum idini elinyukayo nemibingelelo yoxolo. Wenyusa idini elinyukayo.

10. Kwathi, xa agqibileyo ukulinyusa idini elinyukayo, nanko uSamuweli efika; waphuma uSawule waya kumkhawulela, ukuba ambulise.

11. Wathi uSamuweli, Yintoni le uyenzileyo? Wathi uSawule, Kungokuba bendibona abantu bendiphalala, besimka kum, nawe ungàfiki ngexesha elibe limisiwe, namaFilisti ehlanganiselana eMikmas;

12. ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.

13. Wathi uSamuweli kuSawule, Wenzé ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

14. Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yingànga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.

15. Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu.

16. USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas.

17. Kwaphuma amatutu emkhosini wamaFilisti, engamaqela amathathu: elinye iqela labheka ngendlela yaseOfra ezweni lakwaShuwali;

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 13