Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 13:12-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

12. ndathi, Kaloku amaFilisti aya kuda ehle eze kum eGiligali, ndingambongozanga uYehova; ndazinyanzela, ndalinyusa idini elinyukayo.

13. Wathi uSamuweli kuSawule, Wenzé ngobudenge; akuwugcinanga umthetho kaYehova uThixo wakho awakuwiselayo; ngokuba uYehova ange ebuzinzisile kaloku ubukumkani bakho kwaSirayeli, kude kuse ephakadeni.

14. Ke ngoko ubukumkani bakho abusayi kuma. UYehova uzifunele indoda engantliziyo yakhe; wayimisa uYehova ukuba ibe yingànga yabantu bakhe; ngokuba akukugcinanga oko uYehova akuwisele umthetho ngako.

15. Wesuka uSamuweli wenyuka, wemka eGiligali, waya eGibheha yakwaBhenjamin. USawule wababala abantu abafunyenwe benaye, bengamadoda akumakhulu amathandathu.

16. USawule, noYonatan unyana wakhe, nabantu abafunyenwe benabo, bahlala eGibheha yakwaBhenjamin. AmaFilisti amisa iintente eMikmas.

17. Kwaphuma amatutu emkhosini wamaFilisti, engamaqela amathathu: elinye iqela labheka ngendlela yaseOfra ezweni lakwaShuwali;

18. elinye iqela labheka endleleni yaseBhete-horon; elinye iqela labheka endleleni yasemdeni ovelela umfula weTsebhoyim, uye entlango.

19. Ke bekungekho mkhandi ezweni lonke lakwaSirayeli; ngokuba amaFilisti ebesithi, Aya kuze amaHebhere enze amakrele neentshuntshe.

20. AmaSirayeli onke abesihla aye kumaFilisti, alole elowo isikhali sakhe, nesitshetshe sepuluwa yakhe, nezembe lakhe, negaba lakhe,

21. zakuba nezikhewu iintlangothi zamagaba, nezezitshetshe zeepuluwa, nezeefolokhwe, nezamazembe, nezokubaza iimviko.

22. Kwathi ke ngomhla wokulwa, akwafunyanwa krele nantshuntshe esandleni sabantu bonke ababenoSawule noYonatan; ke kuSawule noYonatan unyana wakhe bezikho.

23. Kwaphuma amaFilisti ekampini, aya engxingweni yaseMikmas.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 13