Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 12:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathi uSamuweli kumaSirayeli onke, Yabonani, ndiliphulaphule izwi lenu ngako konke enakuthethayo kum, ndanimisela ukumkani.

2. Kaloku nanko ukumkani ehamba phambi kwenu. Ke mna ndaluphele, ndiyingwevu; nabo oonyana bam benani. Mna ndihambé phambi kwenu kwasebuncinaneni bam unanamhla.

3. Nanku ndikho; ngqinani ngam phambi koYehova, naphambi komthanjiswa wakhe: ndathabatha nkomo kabani na? ndathabatha esile likabani na? ndacudisa bani na? ndavikiva bani na? ndathabatha esandleni sikabani na ucamagusho lokumfamekisa amehlo am? ndonibuyisela.

4. Athi, Akusicudisanga, akusivikivanga, akuthabathanga nto sandleni samntu.

5. Wathi kubo, UYehova ulingqina ngani, nomthanjiswa wakhe ulingqina namhla, ukuba anifumananga nto sandleni sam. Bathi, Úlingqina.

6. Wathi uSamuweli ebantwini, NguYehova owenza ooMoses noAron; owenyusa ooyihlo ezweni laseYiputa.

7. Kaloku ke yimani, ndimangalelane nani phambi koYehova ngayo yonke imisebenzi yobulungisa kaYehova, ayenzileyo kuni nakooyihlo.

8. Xenikweni uYakobi waya eYiputa, bakhala ooyihlo kuYehova: uYehova wathuma ooMoses noAron, babakhupha ooyihlo eYiputa, bababeka kule ndawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 12