Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 10:4-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Okubuza ukuphila kwakho, akunike izonka ezibini; uzithabathe ezandleni zawo.

5. Emveni koko ùya kufika eGibheha kaThixo, apho kukhoyo ikampu yamaFilisti; kuthi, xa ufikileyo emzini apho, uthane nqiphu negqiza labaprofeti, lisihla livela esigangeni, phambi kwalo ingumrhubhe, nengqongqo, nogwali, nohadi, beprofeta.

6. UMoya kaThixo wokufikela ngamandla, uprofete ndawonye nabo, uguquke ube mntu wumbi.

7. Kothi, xa ithe yafika kuwe loo miqondiso, uzenzele njengoko siya kufumana ngako isandla sakho; ngokuba uThixo unawe;

8. uhle uye phambi kwam eGiligali. Yabona, ndiyehla, ndiza kuwe, ukuze ndinyuse amadini anyukayo, ndibingelele imibingelelo yoxolo. Wòlinda imihla esixhenxe ndide ndize kuwe, ndikwazise oko uya kukwenza.

9. Wathi uSawule, akuthi khwitshi ukuba emke kuSamuweli, uThixo wamguqula, wanantliziyo yimbi. Yafika yonke loo miqondiso kwangayo loo mini.

10. Bafika eGibheha apho, nalo igqiza labaprofeti limkhawulela; wamfikela ngamandla uMoya kaThixo, waprofeta phakathi kwabo.

11. Kwathi, bakumbona bonke ababemazi ngaphambili, eprofeta ndawonye nabaprofeti, bathi abantu omnye komnye, Uhliwe yintoni na unyana kaKishe? Ukúbaprofeti noSawule na?

12. Waphendula umntu wakhona, wathi, Ngubani na uyise wabo? Ngenxa yoko kwabakho umzekeliso wokuthi, Ukúbaprofeti noSawule na?

13. Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.

14. Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakùbona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.

15. Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni.

16. Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 10