Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 10:16-22 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.

17. Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;

18. beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.

19. Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Símisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.

20. Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.

21. Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, àbamfumana.

22. Babuya babuza kuYehova, bathi, Uselefikile na umntu? Wathi uYehova, Nanko ezímele yena phantsi kwempahla.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 10