Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 10:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Wagqiba ukuprofeta, waya esigangeni.

14. Wathi uyisekazi kaSawule kuye, nakumfana lowo, Beniye phi na? Wathi, Besifuna iimazi zamaesile; sakùbona ukuba asizifumani, saya kuSamuweli.

15. Wathi uyisekazi kaSawule, Khawundixelele ukuba utheni na uSamuweli kuni.

16. Wathi uSawule kuyisekazi, Usixelele ukuba zifunyenwe iimazi zamaesile. Ke ngobukumkani, abethethe ngabo uSamuweli, akamxelelanga nto.

17. Ke kaloku uSamuweli wabahlabela umkhosi abantu;

18. beza kuYehova eMizpa. Wathi koonyana bakaSirayeli, Utsho uYehova, uThixo kaSirayeli, ukuthi, Ndawanyusa mna amaSirayeli eYiputa, ndanihlangula esandleni samaYiputa, nasesandleni sezikumkani zonke ezanixinayo.

19. Namhla ke nimcekisile nina uThixo wenu, owanisindisayo ebubini benu bonke, nasekubandezelweni konke, nathi kuye, Símisele ukumkani phezu kwethu. Kaloku ke zimiseni phambi koYehova ngokwezizwe zenu, nangokwamawaka enu.

20. Wazisondeza ke uSamuweli zonke izizwe zakwaSirayeli, kwathatyathwa isizwe sakwaBhenjamin.

21. Wasisondeza isizwe sakwaBhenjamin ngokwemizalwane yaso, kwathatyathwa umzalwane wakwaMatri, kwathatyathwa ke uSawule unyana kaKishe. Bamfuna, àbamfumana.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 10