Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 1:7-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Wenjenjalo uElikana iminyaka ngeminyaka, xa wenyukayo ukuya endlwini kaYehova; wenjenjalo uPenina ukumqumbisa; uHana walila, akadla.

8. Wathi uElikana umyeni wakhe kuye, Hana, ulilelani na? Yini na ukuba ungadli? Yini na ukuba ibe mbi intliziyo yakho? Andilungile na kuwe ngaphezu koonyana abalishumi?

9. Wesuka uHana emveni kokuba bedlile eShilo, emveni kokuba besele. Ke kaloku uEli umbingeleli wayehleli esihlalweni ngasemgubasini webhotwe likaYehova.

10. Wawukrakra umphefumlo kaHana, wathandaza kuYehova, wasitsho isililo.

11. Wabhambathisa ngesibhambathiso, wathi, Yehova wemikhosi, ukuba uthe wazikhangela ukuzikhangela oku iintsizi zomkhonzazana wakho, wandikhumbula, akwamlibala umkhonzazana wakho, wamnika umkhonzazana wakho umntwana oyindoda: ndomnika uYehova yonke imihla yobomi bakhe; isitshetshe sokucheba asiyi kusondezwa entlokweni yakhe.

12. Kwathi, ekuthandazeni kwakhe uzungu phambi koYehova, uEli wawugqala umlomo wakhe.

13. Ke yena uHana wayethethela entliziyweni yakhe, kubebezela imilebe yomlomo wakhe yodwa, ilizwi lakhe lingavakali; uEli waba uyanxila.

14. Wathi uEli kuye, Koda kube nini na unxila? Yisuse iwayini yakho kuwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 1