Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 9:15-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

15. Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.

16. Kwakunyuké uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.

17. USolomon wayakha ke iGezere, neBhetehoron yasezantsi;

18. neBhahalati, neTademore esentlango kwelo zwe;

19. nemizi engoovimba abenayo uSolomon, nemizi yeenqwelo, nemizi yabamahashe, nokulangazelela kukaSolomon awakulangazelelayo ukwakha eYerusalem, naseLebhanon, nasezweni lonke lolawulo lwakhe.

20. Bonke abantu abaseleyo kuma-Amori, namaHeti, namaPerizi, namaHivi, namaYebhusi, ababengengabo abakoonyana bakaSirayeli,

21. oonyana babo abasala emva kwabo ezweni, ababengenako oonyana bakaSirayeli ukubasingela phantsi, wabahlahla uSalomon, ukuba babe ngamakhoboka afakwa uviko unanamhla.

22. Ke koonyana bakaSirayeli uSolomon akenzanga khoboka; kuba bona baba ngamadoda akhe okulwa, nabakhonzi bakhe, nabathetheli bakhe, nabaphathimikhosi bakhe, nabathetheli beenqwelo zakhe zokulwa, nabamahashe bakhe.

23. Abo bathetheli babengabongameli abaphezu komsebenzi kaSolomon; babengamakhulu amahlanu anamanci mahlanu, ababenobukhosi ebantwini abenza loo msebenzi.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 9