Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 9:10-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani

11. (uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare* nangemisipres,* nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.

12. Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: àyalunga emehlweni akhe.

13. Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli* unanamhla.

14. UHiram wayethumele kukumkani ikhulu elinamanci mabini eetalente* zegolide.

15. Siso esi isizathu sokufakwa uviko awasimisayo ukumkani uSolomon, ukuba akhe indlu kaYehova, nendlu yakhe, neMilo, nodonga lweYerusalem, neHatsore, neMegido, neGezere.

16. Kwakunyuké uFaro ukumkani waseYiputa, wayithimba iGezere, wayitshisa ngomlilo, wawabulala amaKanan abehleli kuloo mzi, wayinika intombi yakhe, umkaSolomon, yaba yinqakwe.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 9