Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 9:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,

2. wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.

3. Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.

4. Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwénze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 9