Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 9:1-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Kwathi, akugqiba uSolomon ukuyakha indlu kaYehova, nendlu yokumkani, nako konke abekulangazelele uSolomon, abenqwenela ukwenza kona,

2. wabonakala uYehova kuSolomon okwesibini, njengoko wayebonakele kuye eGibheyon.

3. Wathi uYehova kuye, Ndikuvile ukuthandaza kwakho nokutarhuzisa kwakho otarhuzise ngako phambi kwam. Ndiyingcwalisile ke le ndlu uyakhileyo, ukuba libekwe khona igama lam kude kuse ephakadeni; aya kuba khona amehlo am nentliziyo yam imihla yonke.

4. Wena ke, ukuba uthe wahamba phambi kwam, njengoko wahamba ngako uDavide uyihlo, ngentliziyo egqibeleleyo, nangokuthe tye, ukuba ukwénze konke endikumisileyo, ugcine imimiselo yam namasiko am:

5. ndoyimisa itrone yobukumkani bakho phezu kwamaSirayeli ngonaphakade, njengoko ndakuthethayo kuDavide uyihlo, ndisithi, Akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.

6. Ukuba ke nithe nabuya nabuya ekundilandeleni, nina noonyana benu, anayigcina imithetho yam nemimiselo yam, endiyibeke phambi kwenu, naya nakhonza thixo bambi, naqubuda kubo:

7. ndowanqamla amaSirayeli emhlabeni endiwanikileyo; nale ndlu, ndiyingcwaliséle igama lam, ndoyilahla ebusweni bam, amaSirayeli abe ngumzekeliso nento yentsini ezizweni zonke.

8. Nale ndlu noko iphezulu nje, bomangaliswa benze umsondlo bonke abadlulayo kuyo, bathi, Yini na ukuba uYehova enjenje kweli lizwe, nakule ndlu?

9. Bathi ke, Kungenxa yokuba bamshiyáyo uYehova uThixo wabo, owakhupha ooyise ezweni lamaYiputa; babambelela thixweni bambi, babanqula, babakhonza; kungenxa yoko abuzisileyo bonke obu bubi phezu kwabo uYehova.

10. Kwathi ekupheleni kweminyaka emashumi mabini, awazakha ngayo uSolomon izindlu zombini, indlu kaYehova nendlu kakumkani

11. (uHiram ukumkani waseTire ebemncedile uSolomon ngemisedare* nangemisipres,* nangegolide, ngangoko abekunqwenele), ukumkani uSolomon wamnika uHiram amashumi amabini emizi ezweni leGalili.

12. Waphuma uHiram eTire, eya kuyibona imizi uSolomon abemnike yona: àyalunga emehlweni akhe.

13. Wathi, Yimizi mini na le undinikileyo, mzalwana wam? Wathi, Lilizwe laseKabhuli* unanamhla.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 9