Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 8:58-63 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

58. ukuze ayithobele kuye intliziyo yethu, sihambe ngeendlela zakhe zonke, sigcine imithetho yakhe, nemimiselo yakhe, namasiko akhe, njengoko abebawisele umthetho ngako oobawo.

59. Makathi nala mazwi am, nditarhuzisileyo ngawo phambi koYehova, asondele kuYehova uThixo wethu, imini nobusuku, ukuba amgwebele umkhonzi wakhe, abagwebele abantu bakhe amaSirayeli, into yemini ngemini yayo;

60. ukuze zazi zonke izizwe zomhlaba, ukuba uYehova nguye uThixo, akukho wumbi.

61. Mayiphelele intliziyo yenu kuYehova uThixo wethu, ukuba nihambe ngemimiselo yakhe, niyigcine imithetho yakhe, njengoko kunjalo namhla.

62. Waye ke ukumkani, namaSirayeli onke kunye naye, ebingelela imibingelelo phambi koYehova.

63. Wabingelela ke uSolomon imibingelelo yokubulela, awayibingelelayo kuYehova; amashumi amabini anesibini amawaka eenkomo, ikhulu elinamanci amabini lamawaka empahla emfutshane. Bayisungula ke indlu kaYehova, ukumkani lowo noonyana bonke bakaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 8