Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 8:39-49 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

39. yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);

40. ukuze bakoyike yonke imihla abahleli ngayo emhlabeni owawunika oobawo.

41-42. Kananjalo owolunye uhlanga, ongengowabantu bakho amaSirayeli, xa athe wavela ezweni elikude ngenxa yegama lakho (ngokuba baya kuliva igama lakho elikhulu, nesandla sakho esithe nkqi, nengalo yakho eyolukileyo); weza ke lowo, wathandaza ekule ndlu:

43. yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, wenze ngako konke athe wakunqula owolunye uhlanga, ukuze zonke izizwe zomhlaba zilazi igama lakho, zikoyike njengabantu bakho amaSirayeli, zazi ukuba ibizwe ngegama lakho le ndlu ndiyakhileyo.

44. Xa bathe abantu bakho baphuma, baya kulwa notshaba lwabo, ngendlela obathume ngayo, bathandaza kuYehova, bebhekisa kulo mzi uwunyulileyo, nakule ndlu ndiyakhele igama lakho:

45. yiva ke emazulwini ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele.

46. Xa bathe bakona (ngokuba akukho mntu ungoniyo), waba nomsindo, wabanikela elutshabeni, bathi abathimbi babathimba, babása ezweni lotshaba olo, nokuba likude nokuba likufuphi;

47. baza bakunyamekela oko ngentliziyo kwelo zwe bathinjelwe kulo, babuya, batarhuzisa kuwe ezweni lababathimbileyo, besithi, Sonile, senza ubugwenxa, senza okungendawo;

48. babuyela kuwe ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, bekwelo zwe leentshaba zabo ezibathimbileyo, bathandaza kuwe, bebhekisa elizweni labo owalinika ooyise, kulo mzi uwunyulileyo, kule ndlu ndiyakhele igama lakho:

49. yiva ke emazulwini, endaweni ohlala kuyo, ukuthandaza kwabo nokutarhuzisa kwabo, ubagwebele,

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 8