Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 8:32-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. yiva ke wena emazulwini, wenze, ugwebe kubakhonzi bakho; umgwebe ongendawo, uyibeke indlela yakhe phezu kwentloko yakhe; umgwebele olilungisa, umnike ngokobulungisa bakhe.

33. Xa bathe abantu bakho, amaSirayeli, boyiswa ziintshaba zabo, kuba bekonile, baza babuyela kuwe, balivuma igama lakho, bathandaza batarhuzisa kuwe bekule ndlu:

34. yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabantu bakho amaSirayeli, ubabuyisele emhlabeni owawunika ooyise.

35. Xa lithe izulu lavalwa, akwabakho mvula, kuba bekonile, baza bathandaza bekule ndawo, balivuma igama lakho, babuya esonweni sabo, ngokuba ubacinezele:

36. yiva ke wena emazulwini, usixolele isono sabakhonzi bakho, abantu bakho amaSirayeli, ngokuba ubafundisa indlela elungileyo abaya kuhamba ngayo, unise imvula ezweni lakho, olinike abantu bakho ukuba libe lilifa.

37. Xa kuthe kwakho indlala elizweni, xa kuthe kwakho indyikitya yokufa, xa kuthe kwakho imbabala, nexoshomba, neenkumbi ezinqunquthayo; xa zithe iintshaba zabangqinga elizweni, emizini yabo; nokuba sisiphi isibetho, nokuba sisiphi isifo esithe sakho:

38. ukuthandaza, nokutarhuzisa nokuba kukuphi, okuthe kwenziwa ngubani, nokuba ngabantu bakho bonke amaSirayeli, abathe besazi elowo isibetho sentliziyo yakhe, bazolulela kule ndlu izandla zabo:

39. yiva ke wena emazulwini, endaweni ohlala kuyo, uxolele; wenze, umnike elowo ngokweendlela zakhe zonke, ngokuyazi kwakho intliziyo yakhe (ngokuba nguwe wedwa ozaziyo iintliziyo zoonyana bonke babantu);

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 8