Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 8:1-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Waza uSolomon wawabizela ndawonye amadoda amakhulu akwaSirayeli, neentloko zonke zezizwe, izikhulu zezindlu zooyise zoonyana bakaSirayeli, kukumkani uSolomon eYerusalem, ukuba bayinyuse ityeya yomnqophiso kaYehova, iphume emzini kaDavide: yiZiyon ke leyo.

2. Abizelwa ndawonye kukumkani uSolomon onke amadoda akwaSirayeli emthendelekweni ngenyanga enguEtanim: yinyanga yesixhenxe ke leyo.

3. Eza ke onke amadoda amakhulu akwaSirayeli; bayithwala ababingeleli ityeya leyo.

4. Benyuka nayo ityeya kaYehova, nentente yokuhlangana, neempahla zonke zengcwele ezibe zisententeni; benyuka nazo ababingeleli nabaLevi.

5. Ke ukumkani uSolomon nebandla lonke lamaSirayeli, elibe lihlanganiselene kuye, linaye phambi kwetyeya, babingelela impahla emfutshane neenkomo ezingenakubalwa, ezingenakulinganiswa ukuba zininzi kwazo.

6. Bayingenisa ababingeleli ityeya yomnqophiso kaYehova endaweni yayo, endaweni yezihlabo endlwini, engcweleni kangcwele, phantsi kwamaphiko eekerubhi.*

7. Ngokuba iikerubhi zaye ziwolulele amaphiko phezu kwendawo yetyeya, iikerubhi zayisithelisa ityeya nezibonda zayo ngaphezulu.

8. Zazizide izibonda, zibonakala iincam zezibonda engcweleni phambi kwendawo yezihlabo, azabonakala ngaphandle; zisekhona unanamhla.

9. Kwakungekho nto etyeyeni, yayingamacwecwe amabini amatye kuphela, awawabeka khona uMoses eHorebhe, oko uYehova wanqophisana noonyana bakaSirayeli, ekuphumeni kwabo ezweni laseYiputa.

10. Kwathi, ekuphumeni kwababingeleli engcweleni, lasuka ilifu layizalisa indlu kaYehova.

11. Ababingeleli ababa nakuma balungiselele ngenxa yelifu; ngokuba ubuqaqawuli bukaYehova bayizalisa indlu kaYehova.

12. Waza wathi uSolomon, UYehova wathi, úya kuhlala esithokothokweni.

13. Ukukwakhela, ndikwakhéle indlu, ukuba ibe yeyokuhlala wena, indawo yokuhlala wena ngonaphakade.

14. Wee guququ ukumkani walisikelela lonke ibandla lakwaSirayeli (laye ke limi lonke ibandla lakwaSirayeli).

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 8