Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 7:43-51 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

43. neenqwelwana ezilishumi, nezitya zokuhlambela ezilishumi ezinqwelwaneni;

44. nolwandle olunye, neenkomo ezilishumi elinambini ngaphantsi kolwandle olo;

45. neembiza, nemihlakulwana, nezitya zokutshiza, neempahla zonke. Zizo ezo izinto uHuram awazenzela ukumkani uSolomon, zendlu kaYehova; bezizezobhedu olubengezelayo.

46. Ukumkani wazityhidela emmandleni weYordan, emhlabeni oludongwe, phakathi kweSukoti neTsaretan.

47. Waziyeka uSolomon zonke iimpahla zingalinganiswanga, ngokuba bezizininzi kakhulu kunene; àbafumaneka ubunzima bobhedu olo.

48. Wazenza ke uSalomon zonke iimpahla zendlu kaYehova: isibingelelo segolide, netafile yegolide ebezikuyo izonka zokubonisa;

49. neziphatho zezibane zegolide ethe shinyi: zazihlanu ngasekunene, zazihlanu ngasekhohlo, phambi kwendawo yezihlabo; neentyantyambo, nezibane,

50. nezifinyiso zegolide, nezitya, nezitshetshe, nezitya zokutshiza, neenkamba, neengcedevu zegolide ethe shinyi, neehinjizi* zegolide zeengcango zendlu engaphakathi, eyingcwele kangcwele, nezeengcango zendlu elibhotwe.

51. Wagqitywa ke wonke umsebenzi, abewenzela indlu kaYehova ukumkani uSolomon. Wazingenisa uSolomon zonke izinto, abezingcwalisile uDavide uyise, isilivere negolide, wazibeka iimpahla ezo endaweni yobuncwane bendlu kaYehova.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 7