Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 7:21-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Wazimisa iintsika evarandeni yetempile, wayimisa intsika yasekunene, wathi igama layo nguZinzisayo; wayimisa intsika yasekhohlo, wathi igama layo nguMandlakuye.

22. Phezu kweentloko zeentsika ezo bekukho umsebenzi weenyibiba. Wagqitywa ke umsebenzi weentsika.

23. Wenza ulwandle olutyhidiweyo: lwaziikubhite ezilishumi ukusuka kolunye udini lwalo, kuyiwe kolunye udini lwalo, luyinqila ngeenxa zonke, lwaziikubhite ezintlanu ukuphakama kwalo; kwajikeleza kulo umtya oziikubhite ezimashumi mathathu ngeenxa zonke.

24. Ngaphantsi kodini lwalo ngeenxa zonke yangamathangazana alishumi kubhitini-nye, azunguleza ulwandle olo ngeenxa zonke; eyimikrozo emibini amathangazana, athyidwa nalo ekutyhidweni kwalo.

25. Lwema phezu kweenkomo ezilishumi elinambini: ezintathu zibheké entla, ezintathu zibheké entshonalanga, ezintathu zibheké empumalanga; ulwandle lubekwe kuzo ngaphezulu, imiva yazo zonke isinge phakathi.

26. Ubungqingqwa balo bebungangobubanzi besandla; udini lwalo belwenziwe lwanjengodini lwendebe, lwaneentyantyambo zeenyibiba; lulingéne amawaka amabini eebhate.*

27. Wenza iingqwelwana zalishumi ngobhedu; baziikubhite eziné ubude benqwelwana inye, baziikubhite eziné ububanzi bayo, kwaziikubhite ezintathu ukuphakama kwayo.

28. Kwakunje ukwenziwa kwenqwelwana: zazineepanele* phakathi kwemiqhele;

29. naphezu kweepanele eziphakathi kwemiqhele ibiziingonyama neenkomo neekerubhi;* naphezu kwemiqhele bekukho useko ngaphezulu; ngaphantsi kweengonyama neenkomo bekukho izidanga, umsebenzi ojingayo.

30. Inqwelwana inye yabe ineevili eziné zobhedu, neeasi zobhedu; iinyawo zazo zoziné zazinamagxa; ngaphantsi kwezitya zokuhlambela ingamagxa lawo atyhidiweyo, ngaphaya kwelinye ibizizidanga.

31. Umlomo wayo ubusesazulwini sesiciko, uyikubhite ukuphakama kwawo; umlomo wesiciko uyinqila, senziwe ngokwenziwa koseko; siyikubhite enesiqingatha sekubhite ububanzi; nasemlonyeni waso kwakukho imikrolo; iipanele zaso zazimbombo-né, azaba zinqila.

32. Ngaphantsi kweepanele yabe iziivili eziné, iiasi zeevili ezo bezimi enqwelwaneni; ukuphakama kwevili kwakuyikubhite nesiqingatha sekubhite.

33. Ukwenziwa kweevili bekunjengokwenziwa kweevili zeenqwelo zonke; iiasi zazo, neefeleni zazo, nezipeki zazo, neenafu zazo, zibe zityhidiwe zonke.

34. Amagxa omané abesezimbombeni zoné zenqwelwana, emilile enqwelwaneni amagxa lawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 7