Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 7:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Eyàkhe indlu uSolomon wayakha iminyaka elishumi elinamithathu, wayigqiba indlu yakhe yonke.

2. Kuba wákha nendlu yehlathi laseLebhanon: yalikhulu leekubhite* ubude bayo, yangamashumi amahlanu eekubhite ububanzi bayo, yangamashumi amathathu eekubhite ukuphakama kwayo, phezu kwemikrozo eminé yeentsika zomsedare,* ezinemiqadi echweliweyo yemisedare phezu kweentsika ezo.

3. Yafulelwa ngemisedare phezulu, phezu kwamagumbi abe ephezu kweentsika ezingamashumi amané anantlanu; aba lishumi elinantlanu lukrozweni lunye.

4. Imiqadi ibiyimikrozo emithathu, ikroba likhangelene nekroba kathathu.

5. Zonke iingcango nemigubasi yayimbombo-né, iyimithi; ikroba lilunge nekroba kathathu.

6. Wenza ivaranda* yeentsika: yaziikubhite ezimashumi mahlanu ubude bayo, neekubhite ezimashumi mathathu ububanzi bayo, zinevaranda engaphambi kwazo, neentsika nezinyuko phambi kwazo.

7. Wenza nevaranda yetrone, apho abethetha khona amatyala, iyivaranda yamatyala, wayifulela ngemisedare, ethabathela komnye umgangatho wesa komnye umgangatho.

8. Indlu yakhe abehlala kuyo, ekwenye intendelezo phakathi ngasevarandeni, yasetyenzwa kwangokunjalo. Wayenzela indlu intombi kaFaro, awayizekayo uSolomon, yanjengaloo varanda.

9. Zonke ezo zinto bezizezamatye anqabileyo, aqingqwe ngokomlinganiso, asarhiweyo ngeesarha, ngaphakathi nangaphandle; ethabathela esisekweni esa elungqwini, ethabathela nangaphandle esa entendelezweni enkulu.

10. Useko lwalungamatye anqabileyo, amatye amakhulu, amatye eekubhite ezilishumi, amatye eekubhite ezisibhozo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 7